BibleClub - Haggai - 2
 You are in BibleClub South Africa Change
Down
If you are not a member a subscription is just R1.50/day and you can cancel at any time. You must be 12 years or older and have the bill payer's permission.
1 Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lwamashumi amabini analunye enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi, Discuss
2 Khawuthethe kuZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nakuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nakumasalela abantu, uthi, Discuss
3 Ngubani na kuni apha oseleyo, owayibonayo le ndlu isesebuqaqawulini bayo bokuqala? Niyibona iyintoni na ke ngoku? Ayinjengento engento na emehlweni enu? Discuss
4 Noko ke ngoku yomelela, Zerubhabheli, utsho uYehova; womelele, Yoshuwa nyana kaYotsadaki, mbingeleli mkhulu; nomelele, nonke bantu belizwe, utsho uYehova, nisebenze; ngokuba ndinani, utsho uYehova wemikhosi. Discuss
5 Ilizwi elo, ndanqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika. Discuss
6 Ngokuba uYehova wemikhosi utsho ukuthi, Kusaya kuba kanye, umzuzwana ke, ndinyikimise izulu, nehlabathi, nolwandle, nomhlaba owomileyo; Discuss
7 ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi. Discuss
8 Isilivere yeyam, igolide yeyam; utsho uYehova wemikhosi. Discuss
9 Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala, utsho uYehova wemikhosi; kuyo ke le ndawo ndiya kunika uxolo; utsho uYehova wemikhosi. Discuss
10 Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yesithoba, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi, Discuss
If you are not a member a subscription is just R1.50/day and you can cancel at any time. You must be 12 years or older and have the bill payer's permission.
Next
Home
Back
TopBottom